-
-
Xhosa -
-
9
|Apocalipse 5:9|
Avuma ingoma entsha, esithi: Ufanele ukuyithabatha incwadi, nokuwavula amatywina ayo; Ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho, Siphuma kuzo zonke izizwe, neelwimi, nabantu, neentlanga;
-
10
|Apocalipse 5:10|
Wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo wethu; Sasiya kuba ngookumkani phezu komhlaba.
-
11
|Apocalipse 5:11|
Ndabona, ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni, nezinto eziphilileyo, nawo amadoda amakhulu: laye inani lawo lizizigidi zezigidi;
-
12
|Apocalipse 5:12|
besithi ngezwi elikhulu: Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, Nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.
-
13
|Apocalipse 5:13|
Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, Kuse emaphakadeni asemaphakadeni.
-
14
|Apocalipse 5:14|
Izinto eziphilileyo zone zathi, Amen. Aza amadoda amakhulu aqubuda.
-
1
|Apocalipse 6:1|
Ndabona, xa iMvana yalivulayo elinye lamatywina, ndeva enye kuzo izinto eziphilileyo zone, isithi, ngathi kungesandi sokududuma, Yiza ubone.
-
2
|Apocalipse 6:2|
Ndabona, nalo ihashe elimhlophe; lowo ke wayehleli phezu kwalo enesaphetha; wanikwa isithsaba, waphuma eseyisa, nokuze eyise.
-
3
|Apocalipse 6:3|
Xa yalivulayo elesibini itywina, ndeva eyesibini into ephilileyo isithi, Yiza ubone.
-
4
|Apocalipse 6:4|
Kwaphuma elinye ihashe, libomvu; lowo ke wayehleli phezu kwalo wanikwa igunya lokulususa uxolo emhlabeni, nokuze basikane, wanikwa ikrele elikhulu.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21