-
-
Xhosa -
-
21
|Apocalipse 2:21|
Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.
-
22
|Apocalipse 2:22|
Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;
-
23
|Apocalipse 2:23|
nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu.
-
24
|Apocalipse 2:24|
Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenayo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshovo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.
-
25
|Apocalipse 2:25|
Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.
-
26
|Apocalipse 2:26|
Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.
-
27
|Apocalipse 2:27|
Uya kuzalusa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;
-
28
|Apocalipse 2:28|
ndiya kumnika ikhwezi lokusa.
-
29
|Apocalipse 2:29|
Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.
-
1
|Apocalipse 3:1|
Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi: Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22