-
-
Xhosa -
-
35
|João 3:35|
UYise uyamthanda uNyana; uzinikele zonke izinto esandleni sakhe.
-
36
|João 3:36|
Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihleli phezu kwakhe.
-
1
|João 4:1|
Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi
-
2
|João 4:2|
(nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),
-
3
|João 4:3|
yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
-
4
|João 4:4|
Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya.
-
5
|João 4:5|
Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.
-
6
|João 4:6|
Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.
-
7
|João 4:7|
Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.
-
8
|João 4:8|
(Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22