-
-
Xhosa -
-
11
|João 1:11|
Weza kokwakhe, baza abakhe abamvuma.
-
12
|João 1:12|
Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;
-
13
|João 1:13|
abangazalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.
-
14
|João 1:14|
ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.
-
15
|João 1:15|
Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.
-
16
|João 1:16|
Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.
-
17
|João 1:17|
Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.
-
18
|João 1:18|
Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.
-
19
|João 1:19|
Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na?
-
20
|João 1:20|
Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21