-
-
Xhosa -
-
20
|João 2:20|
Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mane anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?
-
21
|João 2:21|
Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.
-
22
|João 2:22|
Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.
-
23
|João 2:23|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.
-
24
|João 2:24|
Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;
-
25
|João 2:25|
nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.
-
1
|João 3:1|
Kwaye kukho ke umntu wakubaFarisi, ogama linguNikodemo, umphathi wamaYuda.
-
2
|João 3:2|
Lowo weza kuYesu ebusuku, wathi kuye, Rabhi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.
-
3
|João 3:3|
Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.
-
4
|João 3:4|
Uthi uNikodemo kuye, Angathini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21