-
-
Xhosa -
-
35
|João 5:35|
Yena lowo ebesiso isibane esivuthayo, esikhanyayo; ke nina nathanda ukugcoba umzuzwana elukhanyweni lwakhe.
-
36
|João 5:36|
Mna ke ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile.
-
37
|João 5:37|
NoBawo owandithumayo, yena ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe.
-
38
|João 5:38|
Nezwi lakhe aninalo lihleli, kuni; ngokuba lowo uthunywe nguye, ningakholwa nguye nina.
-
39
|João 5:39|
Ziphengululeni izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.
-
40
|João 5:40|
Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.
-
41
|João 5:41|
Andamkeli luzuko bantwini.
-
42
|João 5:42|
Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.
-
43
|João 5:43|
Mna ndize egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.
-
44
|João 5:44|
Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22