-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|LevÃtico 17:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|LevÃtico 17:2|
Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi:
-
3
|LevÃtico 17:3|
Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba,
-
4
|LevÃtico 17:4|
angayizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova: igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalaze igazi; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo;
-
5
|LevÃtico 17:5|
ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.
-
6
|LevÃtico 17:6|
Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova.
-
7
|LevÃtico 17:7|
Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.
-
8
|LevÃtico 17:8|
Wothi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba enyusa idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo,
-
9
|LevÃtico 17:9|
angalizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba alinikele kuYehova: wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo.
-
10
|LevÃtico 17:10|
Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba esidla yonke into eligazi: ndowuchasa umphefumlo odle igazi, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22