-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|LevÃtico 18:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|LevÃtico 18:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu.
-
3
|LevÃtico 18:3|
Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo.
-
4
|LevÃtico 18:4|
Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu.
-
5
|LevÃtico 18:5|
Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.
-
6
|LevÃtico 18:6|
Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuze bayo: ndinguYehova.
-
7
|LevÃtico 18:7|
Ubuze bukayihlo, ubuze bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuze bakhe.
-
8
|LevÃtico 18:8|
Ubuze bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuze bukayihlo obo.
-
9
|LevÃtico 18:9|
Ubuze bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuze bayo.
-
10
|LevÃtico 18:10|
Ubuze bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuze bayo; ngokuba ibubuze bakho.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22