-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
11
|LevÃtico 1:11|
alixhelele ecaleni lesibingelelo ngasentla phambi koYehova; bathi oonyana baka-Aron, ababingeleli, balitshize igazi lalo bajikelezise esibingelelweni;
-
12
|LevÃtico 1:12|
alityatye, kwanentloko yalo nenqatha lalo, azicwangcise ezo nto umbingeleli phezu kweenkuni eziphezu komlilo ophezu kwesibingelelo;
-
13
|LevÃtico 1:13|
azihlambe izibilini neentungo ngamanzi, azisondeze umbingeleli zonke ezo nto, aqhumisele ngazo esibingelelweni. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
-
14
|LevÃtico 1:14|
Ke ukuba umsondezo wakhe kuYehova ulidini elinyukayo lasezintakeni, wowusondeza umsondezo wakhe, ethabatha kumahobe, nokuba kukumagobo amavukuthu.
-
15
|LevÃtico 1:15|
Wolisondeza umbingeleli esibingelelweni, aliqhawule intloko, aqhumisele ngalo esibingelelweni, igazi lalo likhanyelwe ecaleni lesibingelelo.
-
16
|LevÃtico 1:16|
Aze asuse indlelo yalo kunye nento ephakathi kwalo, azilahlele ecaleni lesibingelelo elingasempumalanga, ezaleni;
-
17
|LevÃtico 1:17|
alicande emaphikweni alo, engawahluli kanye, aqhumisele ngalo umbingeleli esibingelelweni, phezu kweenkuni eziphezu komlilo. Lidini elinyukayo, kukudla kwasemlilweni, livumba elithozamisayo kuYehova elo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22