-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
11
|LevÃtico 21:11|
angayi nakumntu ofileyo, angazenzi inqambi nangenxa kayise, nangenxa kanina.
-
12
|LevÃtico 21:12|
Makangaphumi engcweleni, angayihlambeli ingcwele yoThixo wakhe; ngokuba ukwahlula kweoli yokuthambisa yoThixo wakhe kuphezu kwakhe: ndinguYehova.
-
13
|LevÃtico 21:13|
Makazeke umfazi osebuntombini bakhe.
-
14
|LevÃtico 21:14|
Umhlolokazi, nowaliweyo, nohlanjelweyo olihenyukazi, abo makangabazeki; wozeka intombi yodwa yasebantwini bakowabo, ibe ngumfazi;
-
15
|LevÃtico 21:15|
angayihlambeli imbewu yakhe phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba ndinguYehova omngcwalisayo.
-
16
|LevÃtico 21:16|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
17
|LevÃtico 21:17|
Thetha kuAron, uthi, Indoda phakathi kwembewu yakho ezizukulwaneni zabo, esukuba inesiphako, mayingasondeli isondeze ukudla koThixo wayo.
-
18
|LevÃtico 21:18|
Ze kungasondeli nanye indoda, xa sukuba inesiphako: indoda eyimfama, nesiqhwala, nelinyaziweyo ebusweni, nesilima,
-
19
|LevÃtico 21:19|
nendoda eyaphuke unyawo, neyaphuke isandla;
-
20
|LevÃtico 21:20|
nenofundo, nengcungcuthekileyo, nenomlanga, nenokhwekhwe, nenesitshanguba, netyumke isende.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22