-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
21
|LevÃtico 4:21|
Woyikhuphela inkunzi entsha ngaphandle kweminquba, ayitshise njengoko wayitshisayo inkunzi entsha yokuqala. Lidini lesono lesikhungu elo.
-
22
|LevÃtico 4:22|
Xa kuthe kona isikhulu, senza into ngokulahlekana nomthetho kaYehova uThixo waso, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, sazeka ityala;
-
23
|LevÃtico 4:23|
ukuba sithe satyhilwa kuso isono saso esone ngaso: sozisa umsondezo waso, ixhonti lebhokhwe eliliduna eligqibeleleyo.
-
24
|LevÃtico 4:24|
Socinezela ngesandla saso phezu kwentloko yebhokhwe exhonti, siyixhelele apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo phambi koYehova. Lidini lesono ke elo.
-
25
|LevÃtico 4:25|
Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo;
-
26
|LevÃtico 4:26|
aqhumisele ngamanqatha alo onke esibingelelweni, njengamanqatha ombingelelo woxolo, umbingeleli asicamagushele ngesono saso; soxolelwa ke.
-
27
|LevÃtico 4:27|
Ukuba ubani othile wasebantwini balo ilizwe uthe wona ngokulahleka, ngokwenza into kumthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, wazeka ityala;
-
28
|LevÃtico 4:28|
ukuba sithe satyhilwa kuye isono sakhe one ngaso: wozisa umsondezo wakhe, ixhonti elilithokazi lebhokhwe, eligqibeleleyo, ngenxa yesono sakhe one ngaso.
-
29
|LevÃtico 4:29|
Wocinezela ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono endaweni yedini elinyukayo.
-
30
|LevÃtico 4:30|
Umbingeleli wocaphula egazini lalo ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21