-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
31
|Êxodo 9:31|
Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
-
32
|Êxodo 9:32|
Ke yona ingqolowa nespelete ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.
-
33
|Êxodo 9:33|
Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
-
34
|Êxodo 9:34|
Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wona, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.
-
35
|Êxodo 9:35|
Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.
-
1
|Êxodo 10:1|
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe;
-
2
|Êxodo 10:2|
ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
-
3
|Êxodo 10:3|
Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
-
4
|Êxodo 10:4|
Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho;
-
5
|Êxodo 10:5|
zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle;
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21