-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Êxodo 9:1|
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
-
2
|Êxodo 9:2|
Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula,
-
3
|Êxodo 9:3|
waba usababambile, yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;
-
4
|Êxodo 9:4|
uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.
-
5
|Êxodo 9:5|
UYehova umise ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.
-
6
|Êxodo 9:6|
Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
-
7
|Êxodo 9:7|
UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
-
8
|Êxodo 9:8|
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
-
9
|Êxodo 9:9|
lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.
-
10
|Êxodo 9:10|
Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22