-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Êxodo 6:1|
Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.
-
2
|Êxodo 6:2|
Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:
-
3
|Êxodo 6:3|
ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo.
-
4
|Êxodo 6:4|
Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo.
-
5
|Êxodo 6:5|
Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.
-
6
|Êxodo 6:6|
Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;
-
7
|Êxodo 6:7|
ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;
-
8
|Êxodo 6:8|
ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
-
9
|Êxodo 6:9|
Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
-
10
|Êxodo 6:10|
Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22