-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Êxodo 20:1|
UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
-
2
|Êxodo 20:2|
NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
-
3
|Êxodo 20:3|
Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
-
4
|Êxodo 20:4|
Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
-
5
|Êxodo 20:5|
Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
-
6
|Êxodo 20:6|
ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
-
7
|Êxodo 20:7|
Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
-
8
|Êxodo 20:8|
Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
-
9
|Êxodo 20:9|
Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
-
10
|Êxodo 20:10|
ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22