-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
4
|Êxodo 18:4|
kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.
-
5
|Êxodo 18:5|
UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.
-
6
|Êxodo 18:6|
Wathi kuMoses, Mna Yitro, unguyihlo, ndize kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.
-
7
|Êxodo 18:7|
Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.
-
8
|Êxodo 18:8|
UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.
-
9
|Êxodo 18:9|
Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.
-
10
|Êxodo 18:10|
Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaDaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.
-
11
|Êxodo 18:11|
Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.
-
12
|Êxodo 18:12|
UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
-
13
|Êxodo 18:13|
Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21