-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Juan 1:1|
Oko kwakukho kwasekuqalekeni, oko sikuvileyo, oko sikubonileyo ngawethu amehlo, oko sakukhangelayo, zakuphatha izandla zethu, okwelizwi labo ubomi
-
2
|1 Juan 1:2|
(obu bomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bebukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi):
-
3
|1 Juan 1:3|
oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.
-
4
|1 Juan 1:4|
Ezo zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
-
5
|1 Juan 1:5|
Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye.
-
6
|1 Juan 1:6|
Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso;
-
7
|1 Juan 1:7|
ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana Wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
-
8
|1 Juan 1:8|
Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.
-
9
|1 Juan 1:9|
Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
-
10
|1 Juan 1:10|
Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7