-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Juan 2:1|
Bantwanana bam, ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.
-
2
|1 Juan 2:2|
Yena usisicamagushelo sezono zethu; engesazethu zodwa, usiso nesehlabathi liphela.
-
3
|1 Juan 2:3|
Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.
-
4
|1 Juan 2:4|
Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso.
-
5
|1 Juan 2:5|
Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.
-
6
|1 Juan 2:6|
Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.
-
7
|1 Juan 2:7|
Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni.
-
8
|1 Juan 2:8|
Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala.
-
9
|1 Juan 2:9|
Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku.
-
10
|1 Juan 2:10|
Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7