-
-
Xhosa
-
-
6
|1 Timoteo 3:6|
angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angathiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi.
-
7
|1 Timoteo 3:7|
Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
-
8
|1 Timoteo 3:8|
Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi;
-
9
|1 Timoteo 3:9|
mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo.
-
10
|1 Timoteo 3:10|
Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangenakumangaleleka.
-
11
|1 Timoteo 3:11|
Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.
-
12
|1 Timoteo 3:12|
Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo.
-
13
|1 Timoteo 3:13|
Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
-
14
|1 Timoteo 3:14|
Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya.
-
15
|1 Timoteo 3:15|
Ukuba ke ndithe ndalibala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5