- 
			
				
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									14
									 
									 
									|1 Timoteo 5:14|
									Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|1 Timoteo 5:15|
									Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|1 Timoteo 5:16|
									Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi,  malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|1 Timoteo 5:17|
									Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|1 Timoteo 5:18|
									Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|1 Timoteo 5:19|
									Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela,  kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|1 Timoteo 5:20|
									Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.									
									    
								 
- 
									
									21
									 
									 
									|1 Timoteo 5:21|
									Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.									
									    
								 
- 
									
									22
									 
									 
									|1 Timoteo 5:22|
									Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.									
									    
								 
- 
									
									23
									 
									 
									|1 Timoteo 5:23|
									Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18