-
-
Xhosa
-
-
1
|Amós 1:1|
Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo.
-
2
|Amós 1:2|
Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome.
-
3
|Amós 1:3|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi:
-
4
|Amós 1:4|
ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade.
-
5
|Amós 1:5|
Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova.
-
6
|Amós 1:6|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom:
-
7
|Amós 1:7|
ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde.
-
8
|Amós 1:8|
Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova.
-
9
|Amós 1:9|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana:
-
10
|Amós 1:10|
ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7