-
-
Xhosa
-
-
1
|Amós 2:1|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaMowabhi, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto— ngenxa yokuwatshisa kwakhe amathambo ookumkani bakwaEdom, aba yikalika:
-
2
|Amós 2:2|
ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kuphithizelwa, kuhlatywa umkhosi, kuvuthelwa izigodlo.
-
3
|Amós 2:3|
Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
-
4
|Amós 2:4|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto—ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa:
-
5
|Amós 2:5|
ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.
-
6
|Amós 2:6|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto —ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;
-
7
|Amós 2:7|
bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;
-
8
|Amós 2:8|
banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.
-
9
|Amós 2:9|
Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare, obeliqele njengemioki; ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.
-
10
|Amós 2:10|
Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mane, ukuze nilihluthe ilizwe lomAmori.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7