-
-
Xhosa
-
-
6
|Amós 2:6|
Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yezine—andiyi kuyibuyisa umva le nto —ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini;
-
7
|Amós 2:7|
bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele;
-
8
|Amós 2:8|
banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.
-
9
|Amós 2:9|
Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare, obeliqele njengemioki; ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi.
-
10
|Amós 2:10|
Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mane, ukuze nilihluthe ilizwe lomAmori.
-
11
|Amós 2:11|
Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, akunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova.
-
12
|Amós 2:12|
Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.
-
13
|Amós 2:13|
Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu.
-
14
|Amós 2:14|
Wokhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo.
-
15
|Amós 2:15|
Nophethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10