-
-
Xhosa
-
-
11
|Ester 1:11|
mabamzise uVashti ukumkanikazi phambi kokumkani enonkontsho lobukumkanikazi, ukuba abonise abantu nabathetheli ubuhle bakhe; ngokuba ebeyinzwakazi, imbonakalo yakhe.
-
12
|Ester 1:12|
Akavumanga ukumkanikazi uVashti ukuza ngelizwi lokumkani ngababusi abo.
-
13
|Ester 1:13|
Waba noburhalarhume obukhulu ukumkani, bavutha ubushushu bakhe kuye.
-
14
|Ester 1:14|
Wathi ke ukumkani kwizilumko eziwaziyo amaxesha (ngokuba ibisenjiwa njalo into yokumkani phambi kwabo bonke abawaziyo umthetho nesiko; ababekufuphi kuye, ooKarshena, noShetare, noAdemata, noTarshishe, noMeres, noMarsena, noMemukan, abathetheli abasixhenxe bamaPersi namaMedi, ababebubona ubuso bokumkani, ababehlala ezihlalweni zobukhulu ebukumkanini), wathi,
-
15
|Ester 1:15|
Ngokomthetho angenziwa ntoni na ukumkanikazi uVashti, ngenxa yokuba engalenzanga ilizwi lokumkani uAhaswerosi ngababusi?
-
16
|Ester 1:16|
Wathi uMemukan phambi kokumkani nabathetheli, UVashti ukumkanikazi akaphosise kukumkani yedwa; uphosise nakubathetheli bonke, nakwizizwe zonke ezisemazweni onke okumkani uAhaswerosi.
-
17
|Ester 1:17|
Kuba le ndawo yokumkanikazi iya kuphuma, ifikelele kubafazi bonke, adeleke amadoda abo emehlweni abo, xa kuthiwa, Ukumkani uAhaswerosi wathi makeziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, akeza.
-
18
|Ester 1:18|
Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume.
-
19
|Ester 1:19|
Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angabi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye.
-
20
|Ester 1:20|
Wothi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4