-
-
Xhosa
-
-
1
|Ester 3:1|
Emveni kwezo zinto, ukumkani uAhaswerosi wamenza mkhulu uHaman unyana kaHamedata, umAgagi; wamphakamisa, wasimisa isihlalo sakhe ngaphezu kwabathetheli bonke ababenaye.
-
2
|Ester 3:2|
Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, babeguqa, baqubude kuHaman; kuba wenjenjalo ukumkani ukuwisa umthetho ngaye; ke yena uMordekayi akaguqa, akaqubuda kuye.
-
3
|Ester 3:3|
Abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, bathi kuMordekayi, Yini na ukuba uwugqithe umthetho wokumkani?
-
4
|Ester 3:4|
Kwathi ke, bakumana ukutsho kuye imihla ngemihla, engaphulaphuli kubo, bamxelela uHaman, ukukhangela ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi. Kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda.
-
5
|Ester 3:5|
Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, akaqubudi kuye; wasuka uHaman wazala ngumsindo.
-
6
|Ester 3:6|
Wakucekisa ukuba amse izandla uMordekayi yedwa; kuba ubebaxelelwe abantu bakuloMordekayi; wangxamela ke uHaman ukuwatshabalalisa onke amaYuda abesebukumkanini bonke buka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi.
-
7
|Ester 3:7|
Ngenyanga yokuqala (yinyanga enguNisan ke leyo), ngomnyaka weshumi elinesibini wokumkani uAhaswerosi, kwawiswa iPuri (liqashiso ke elo) phambi koHaman, imini ngemini, inyanga ngenyanga, yada yaba yeyeshumi elinesibini; yinyanga enguAdare ke leyo.
-
8
|Ester 3:8|
Wathi uHaman kukumkani uAhaswerosi, Kukho abantu abathile abathe saa, abangene phakathi kwezizwe emazweni onke obukumkani bakho; nemithetho yabo yahlukile kweyabantu bonke, abayenzi imithetho yokumkani; akufanelekile kukumkani ukubayeka.
-
9
|Ester 3:9|
Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makubhalwe batshatyalaliswe. Ndolinganisela ezandleni zabawenzayo loo msebenzi wokumkani amawaka alishumi eetalente zesilivere, ukuba ziziswe ebutyebini bokumkani.
-
10
|Ester 3:10|
Ukumkani wawukhulula umsesane wakhe esandleni sakhe, wawunika uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7