-
-
Xhosa
-
-
11
|Ester 8:11|
Kwabhalwa kwathiwa, ukumkani uwavumele amaYuda, akwimizi ngemizi yonke, ukuba abizelane ndawonye, akhusele ubomi bawo, atshabalalise, abulale, asingele phantsi yonke impi yabantu neyelizwe eliwabandezelayo, abantwana nabafazi, aphange amaxhoba abo,
-
12
|Ester 8:12|
ngamini-nye, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo).
-
13
|Ester 8:13|
Incwadi leyo, ukuze awiselwe umthetho onke amazwe ngamazwe, yathunyelwa kwizizwe zonke, ukuze amaYuda ahlale selezilungiselele loo mhla, ukuziphindezelela ezintshabeni zawo.
-
14
|Ester 8:14|
Izigidimi zakhwela kwiimbaleki zakomkhulu, nakwisihashe sakomkhulu, zaphuma zingxanyisiwe lilizwi lokumkani. Umthetho lowo wawiswa eShushan komkhulu.
-
15
|Ester 8:15|
Ke kaloku uMordekayi waphuma ebusweni bokumkani, enesambatho sobukumkani selinen emsi emhlophe, nesithsaba esikhulu segolide, nengubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo emfusa. Umzi waseShushan wagcoba wavuya.
-
16
|Ester 8:16|
KumaYuda kwabakho ukukhanya, nokuvuya, nemihlali, nembeko.
-
17
|Ester 8:17|
Nakumazwe ngamazwe onke, nakwimizi ngemizi yonke, elathi lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba yimivuyo nemihlali kumaYuda, isidlo nomhla wokuchwayitha. Abaninzi ezizweni zelizwe baba ngamaYuda; ngokuba bafikelwa kukunkwantya ngamaYuda.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7