-
-
Xhosa
-
-
11
|Hebreos 9:11|
Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ugqibeleleyo umnquba, ongenakwenziwa ngazandla, oko kukuthi, ongengowale ndalo,
-
12
|Hebreos 9:12|
wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, kungengalo negazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.
-
13
|Hebreos 9:13|
Kuba, ukuba igazi leenkomo neleebhokhwe, nothuthu lwethokazi olufefa abaziinqambi, lungcwalisela ekuhlambululeni inyama:
-
14
|Hebreos 9:14|
lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
-
15
|Hebreos 9:15|
Nangenxa ke yoko, ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubonÂ’,ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
-
16
|Hebreos 9:16|
Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.
-
17
|Hebreos 9:17|
Kuba umnqophiso uqiniseka bakuba befile, ekubeni ungaze ube namandla xenikweni asadla ubomi lowo unqophisileyo.
-
18
|Hebreos 9:18|
Ekuthe ngoko nowokuqala awasungulwa kungekho gazi.
-
19
|Hebreos 9:19|
Kuba kuthe, kwakubonÂ’ ukuba umthetho wonke uxeliwe nguMoses ebantwini bonke ngokomyalelo, walithabatha igazi lamathole neleebhokhwe, ndawonye namanzi, noboya obubomvu, nehisope, wafefa incwadi ngokwayo, kwanabantu bonke;
-
20
|Hebreos 9:20|
esithi, Eli ligazi lawo umnqophiso, aniwisele umthetho ngawo uThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7