-
-
Xhosa
-
-
1
|Habacuc 3:1|
Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:
-
2
|Habacuc 3:2|
Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika; Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, Wazise phakathi kweminyaka; Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.
-
3
|Habacuc 3:3|
UThixo uza evela kwaTeman, OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.) Igubungele amazulu indili yakhe, Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.
-
4
|Habacuc 3:4|
Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya; Yimithi emacaleni akhe; Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.
-
5
|Habacuc 3:5|
Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.
-
6
|Habacuc 3:6|
Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
-
7
|Habacuc 3:7|
Ndibone iintente zakwaKushan zisenkathazweni; Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.
-
8
|Habacuc 3:8|
Yabe iyimilambo na, Yehova, Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho? Yabe ilulwandle, kusini na, Owaphuphumela lona umsindo wakho, Ukuze nje ukhwele emahasheni akho, Ezinqwelweni zakho zokusindisa?
-
9
|Habacuc 3:9|
Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.) Ihlabathi uligqobhoza imilambo.
-
10
|Habacuc 3:10|
Zikubonile, ziyankwantya iintaba, Kudlule isiphango samanzi; Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10