-
-
Xhosa
-
-
11
|Habacuc 3:11|
Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.
-
12
|Habacuc 3:12|
Ulinyathela ilizwe ubhavuma, Unyhashe iintlanga unomsindo. Uphuma ukuba usindise abantu bakho.
-
13
|Habacuc 3:13|
Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)
-
14
|Habacuc 3:14|
Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, Ezigalelekayo zisiza kundichitha; Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.
-
15
|Habacuc 3:15|
Unyathela ulwandle ngamahashe akho, Isiyaluyalu samanzi amaninzi.
-
16
|Habacuc 3:16|
Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela.
-
17
|Habacuc 3:17|
Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini:
-
18
|Habacuc 3:18|
Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
-
19
|Habacuc 3:19|
Ungamandla am uYehova iNkosi; Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi, Andinyathelise emimangweni yam. Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10