-
-
Xhosa
-
-
1
|Nahum 2:1|
Kunyuke umhlekezi, weza phambi kwakho, Nineve; londoloza inqaba yakho, bonisela endleleni, qinisa izinqe, khupha amandla kunene.
-
2
|Nahum 2:2|
Ngokuba uYehova ulibuyele iqhayiya lakwaYakobi ngokweqhayiya lakwaSirayeli; ngokuba abathi qongqololo bathe qongqololo; bawonakalisile amasebe abo emidiliya.
-
3
|Nahum 2:3|
Ingweletshetshe yamagorha akhe yenziwe ingqombela, amadoda anobu kroti athiwe wambu ngezibomvu; iinqwelo zokulwa zinomlilo ophuma ezintsimbini ngemini yokuxhoba kwakhe, izinto zemisipres ziyatyityimba.
-
4
|Nahum 2:4|
Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.
-
5
|Nahum 2:5|
Ukhumbule iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.
-
6
|Nahum 2:6|
Amasango asemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.
-
7
|Nahum 2:7|
Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.
-
8
|Nahum 2:8|
INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angathiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
-
9
|Nahum 2:9|
Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.
-
10
|Nahum 2:10|
Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10