-
-
Xhosa
-
-
1
|Nahum 3:1|
Yeha, umzi wamagazi! Uzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.
-
2
|Nahum 3:2|
Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;
-
3
|Nahum 3:3|
abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;
-
4
|Nahum 3:4|
ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.
-
5
|Nahum 3:5|
Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuze bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.
-
6
|Nahum 3:6|
Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.
-
7
|Nahum 3:7|
Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
-
8
|Nahum 3:8|
Uyidlule ngokulunga yini na iNo ka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?
-
9
|Nahum 3:9|
Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo.
-
10
|Nahum 3:10|
Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10