-
-
Xhosa
-
-
11
|Nahum 3:11|
Nawe lo uya kunxila, uya kufihlakala; nawe lo uya kufuna igwiba ngenxa yotshaba.
-
12
|Nahum 3:12|
Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owa emlonyeni wowadlayo.
-
13
|Nahum 3:13|
Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho; avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho; umlilo utshisa imivalo yakho.
-
14
|Nahum 3:14|
Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena.
-
15
|Nahum 3:15|
Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zandise njengenkumbi ekhothululayo, zandise njengenkumbi eyandayo.
-
16
|Nahum 3:16|
Ubandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka.
-
17
|Nahum 3:17|
Abaluluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.
-
18
|Nahum 3:18|
Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.
-
19
|Nahum 3:19|
Akuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7