-
-
Xhosa
-
-
11
|Abdias 1:11|
Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga beza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo.
-
12
|Abdias 1:12|
Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungasineki ngemini yembandezelo.
-
13
|Abdias 1:13|
Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo.
-
14
|Abdias 1:14|
Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.
-
15
|Abdias 1:15|
Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.
-
16
|Abdias 1:16|
Ngokuba njengoko nisele ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisele zibizele, zibe njengabangabangakho.
-
17
|Abdias 1:17|
Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.
-
18
|Abdias 1:18|
Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.
-
19
|Abdias 1:19|
Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.
-
20
|Abdias 1:20|
Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3