-
-
Xhosa
-
-
1
|Abdias 1:1|
Umbono kaObhadiya. Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sive udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Suka nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.
-
2
|Abdias 1:2|
Yabonani, ndikwenze wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu.
-
3
|Abdias 1:3|
Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini?
-
4
|Abdias 1:4|
Ukuba uthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.
-
5
|Abdias 1:5|
Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungabhikicwayo na?
-
6
|Abdias 1:6|
Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo!
-
7
|Abdias 1:7|
Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.
-
8
|Abdias 1:8|
Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu?
-
9
|Abdias 1:9|
Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.
-
10
|Abdias 1:10|
Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7