-
-
Xhosa
-
-
12
|Oseas 4:12|
Abantu bam babuzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuze bemka phantsi koThixo wabo.
-
13
|Oseas 4:13|
Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki nemipopulari nemiterebhinti, kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu.
-
14
|Oseas 4:14|
Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namangÂ’awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
-
15
|Oseas 4:15|
Ukuba uyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova.
-
16
|Oseas 4:16|
Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangalaleni, njengamatakane.
-
17
|Oseas 4:17|
UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni.
-
18
|Oseas 4:18|
Igabadele imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthande nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo.
-
19
|Oseas 4:19|
Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.
-
1
|Oseas 5:1|
Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.
-
2
|Oseas 5:2|
Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7