-
-
Xhosa
-
-
13
|Oseas 5:13|
Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.
-
14
|Oseas 5:14|
Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.
-
15
|Oseas 5:15|
Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:
-
1
|Oseas 6:1|
Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha.
-
2
|Oseas 6:2|
Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.
-
3
|Oseas 6:3|
Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe.
-
4
|Oseas 6:4|
Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.
-
5
|Oseas 6:5|
Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya.
-
6
|Oseas 6:6|
Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.
-
7
|Oseas 6:7|
Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5