-
-
Xhosa
-
-
11
|Santiago 2:11|
Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
-
12
|Santiago 2:12|
Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.
-
13
|Santiago 2:13|
Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
-
14
|Santiago 2:14|
Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?
-
15
|Santiago 2:15|
Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla,
-
16
|Santiago 2:16|
athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na?
-
17
|Santiago 2:17|
Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.
-
18
|Santiago 2:18|
Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.
-
19
|Santiago 2:19|
Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele.
-
20
|Santiago 2:20|
Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5