-
-
Xhosa
-
-
4
|Santiago 2:4|
anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo?
-
5
|Santiago 2:5|
Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo?
-
6
|Santiago 2:6|
Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na?
-
7
|Santiago 2:7|
Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo?
-
8
|Santiago 2:8|
Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile;
-
9
|Santiago 2:9|
kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi.
-
10
|Santiago 2:10|
Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.
-
11
|Santiago 2:11|
Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.
-
12
|Santiago 2:12|
Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.
-
13
|Santiago 2:13|
Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5