-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Êxodo 26:1|
Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka.
-
2
|Êxodo 26:2|
Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite ezine; onke amalengalenga alingane.
-
3
|Êxodo 26:3|
Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye.
-
4
|Êxodo 26:4|
Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
-
5
|Êxodo 26:5|
Wowenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye;
-
6
|Êxodo 26:6|
wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.
-
7
|Êxodo 26:7|
Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye.
-
8
|Êxodo 26:8|
Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana.
-
9
|Êxodo 26:9|
Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili;
-
10
|Êxodo 26:10|
wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21