-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
11
|Êxodo 4:11|
Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?
-
12
|Êxodo 4:12|
Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
-
13
|Êxodo 4:13|
Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.
-
14
|Êxodo 4:14|
Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wokubona, avuye entliziyweni yakhe.
-
15
|Êxodo 4:15|
Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.
-
16
|Êxodo 4:16|
Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.
-
17
|Êxodo 4:17|
Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo.
-
18
|Êxodo 4:18|
Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
-
19
|Êxodo 4:19|
UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.
-
20
|Êxodo 4:20|
UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21