-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
31
|LevÃtico 11:31|
Zezo eziziinqambi kuni enyakanyakeni yonke; bonke abazichukumisayo ezifileyo kuzo, boba ziinqambi, bahlwise.
-
32
|LevÃtico 11:32|
Izinto zonke ezithe zawelwa yenye yazo ifile, zoba ziinqambi: nokuba ziimpahla zonke zemithi, nokuba ziingubo, nokuba zizikhumba, nokuba ziinqambi, zihlwise; zize zihlambuluke ke.
-
33
|LevÃtico 11:33|
limpahla zonke zomdongwe, ethe yeyela kuzo enye yazo, zoba ziinqambi zonke izinto eziphakathi kwazo; noziqhekeza ke.
-
34
|LevÃtico 11:34|
Konke ukudla okudliwayo, okufikiweyo ngamanzi akwezo mpahla, koba yinqambi; nento yonke eselwayo ngezo mpahla zonke, yoba yinqambi.
-
35
|LevÃtico 11:35|
Into yonke ethe yawelwa nayindawoni na yesidumbu sazo, yoba yinqambi; nokuba liziko lezonka, nokuba ngungxawu, ize yaphulwe; iyinqambi, yoba yinqambi kuni.
-
36
|LevÃtico 11:36|
Kodwa umthombo nequla elinentlanganisela yamanzi lohlambuluka; osichukumisayo isidumbu sazo woba yinqambi.
-
37
|LevÃtico 11:37|
Xa kuthe kwawa nandawoni yesidumbu sazo embewini yonke ehlwayelwayo, eza kuhlwayelwa, yohlambuluka yona.
-
38
|LevÃtico 11:38|
Xa kuthe kwagalelwa amanzi embewini, kwawa nandawoni yesidumbu sazo phezu kwayo, yoba yinqambi kuni.
-
39
|LevÃtico 11:39|
Xa kuthe kwafa nto izitho zine idliwayo nini, lowo usichukumisayo isidumbu sayo woba yinqambi, ahlwise.
-
40
|LevÃtico 11:40|
Lowo udlayo esidumbini sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise; nalowo ususa isidumbu sayo, wozihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi, ahlwise.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22