-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
41
|LevÃtico 11:41|
Yonke inyakanyaka enyakazela emhlabeni inezothe; mayingadliwa.
-
42
|LevÃtico 11:42|
Zonke izinto ezihamba ngesisu, neento zonke ezihamba nganyawo-ne, kude kuse kwiinto zonke ezineenyawo ezininzi, enyakanyakeni yonke enyakazelayo emhlabeni, ize ningazidli; ngokuba zinezothe.
-
43
|LevÃtico 11:43|
Musani ukuyenza imiphefumlo yenu ibe nezothe ngenyakanyaka yonke enyakazelayo, ize ningazenzi inqambi ngayo, nibe yinqambi ngayo.
-
44
|LevÃtico 11:44|
Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.
-
45
|LevÃtico 11:45|
Ngokuba ndinguYehova oninyuse ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo wenu; ize nibe ngcwele, ngokuba ndiyiNgcwele.
-
46
|LevÃtico 11:46|
Nguwo lowo umyalelo weento ezizitho zine, neentaka, nemiphefumlo yonke ephilileyo enambuzelayo emanzini, nemiphefumlo yonke enyakazelayo emhlabeni;
-
47
|LevÃtico 11:47|
woyahlula eyinqambi kwehlambulukileyo, nento ephilileyo edliwayo kwinto ephilileyo engadliwayo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22