-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
11
|LevÃtico 4:11|
Ke isikhumba senkunzi entsha, nenyama yayo yonke, kunye nentloko yayo, kunye neentungo zayo, nezibilini zayo, nomswane wayo,
-
12
|LevÃtico 4:12|
yonke inkunzi entsha, woyikhuphela ngaphandle kweminquba, ayise endaweni emhlophe, apho kuphalazwa khona uthuthu, ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo, itshiswe apho kuphalazwa khona uthuthu.
-
13
|LevÃtico 4:13|
Ke ukuba lonke ibandla lakwaSirayeli lithe lalahleka, yafihlakala loo nto emehlweni esikhungu, benza into kumthetho kaYehova nokuba nguwuphi na, wento engeyakwenziwa, bazeka ityala,
-
14
|LevÃtico 4:14|
saza saziwa isono abone ngaso: isikhungu sosondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono, balizise phambi kwentente yokuhlangana.
-
15
|LevÃtico 4:15|
Ocinezela amadoda amakhulu ebandla ngezandla zawo phezu kwentloko yenkunzi entsha leyo, phambi koYehova, ayixhelele inkunzi entsha phambi koYehova.
-
16
|LevÃtico 4:16|
Umbingeleli othanjisiweyo woyizisa inxalenye yegazi lenkunzi entsha ententeni yokuhlangana;
-
17
|LevÃtico 4:17|
awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe egazini, afefe izihlandlo zosixhenxe phambi koYehova, phambi komkhusane;
-
18
|LevÃtico 4:18|
inxalenye yegazi ayidyobhe ezimpondweni zesibingelelo esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, igazi lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo sedini elinyukayo, esisemnyango wentente yokuhlangana.
-
19
|LevÃtico 4:19|
Wowasusa amanqatha onke kulo, aqhumisele ngawo esibingelelweni.
-
20
|LevÃtico 4:20|
Makenze kule nkunzi intsha njengoko wenza kwinkunzi entsha yedini lesono, enjenjalo nakule, umbingeleli abacamagushele; boxolelwa ke.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22