-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
31
|LevÃtico 4:31|
Wowasusa onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha ombingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, libe livumba elithozamisayo kuYehova; umbingeleli amcamagushele; woxolelwa ke.
-
32
|LevÃtico 4:32|
Ukuba ke umsondezo wakhe wedini lesono uyimvana, wozisa ithokazi eligqibeleleyo;
-
33
|LevÃtico 4:33|
acinezele ngesandla sakhe phezu kwentloko yedini lesono, alixhelele idini lesono apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo.
-
34
|LevÃtico 4:34|
Umbingeleli wocaphula egazini ledini lesono ngomnwe wakhe, alidyobhe ezimpondweni zesibingelelo sedini elinyukayo, igazi lalo lonke aliphalazele esisekweni sesibingelelo.
-
35
|LevÃtico 4:35|
Maze awasuse onke amanqatha alo, njengoko asuswayo amanqatha emvana kumbingelelo woxolo, aqhumisele ngawo umbingeleli esibingelelweni, phezu kokudla kwasemlilweni kukaYehova, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe one ngaso; woxolelwa ke.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22