-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
16
|Êxodo 16:16|
Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
-
17
|Êxodo 16:17|
Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
-
18
|Êxodo 16:18|
Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
-
19
|Êxodo 16:19|
Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
-
20
|Êxodo 16:20|
Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
-
21
|Êxodo 16:21|
Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
-
22
|Êxodo 16:22|
Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.
-
23
|Êxodo 16:23|
Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.
-
24
|Êxodo 16:24|
Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo.
-
25
|Êxodo 16:25|
Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21