-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
13
|Êxodo 15:13|
Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo. Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.
-
14
|Êxodo 15:14|
Zivile izizwe, ziyangqunga, Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,
-
15
|Êxodo 15:15|
Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom; Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela, Batha amandla bonke abemi belakwaKanan.
-
16
|Êxodo 15:16|
Bawelwa kukudenga nakukunkwantya, Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye, Bade badlule abantu bakho, Yehova, Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
-
17
|Êxodo 15:17|
Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho, Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova, Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.
-
18
|Êxodo 15:18|
UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.
-
19
|Êxodo 15:19|
Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
-
20
|Êxodo 15:20|
UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.
-
21
|Êxodo 15:21|
Wawaphendula uMiriyam wathi, Vumani kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu; Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
-
22
|Êxodo 15:22|
UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21