-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
24
|Êxodo 14:24|
Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa.
-
25
|Êxodo 14:25|
Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.
-
26
|Êxodo 14:26|
Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.
-
27
|Êxodo 14:27|
Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.
-
28
|Êxodo 14:28|
Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.
-
29
|Êxodo 14:29|
Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
-
30
|Êxodo 14:30|
Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle.
-
31
|Êxodo 14:31|
Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika, abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.
-
1
|Êxodo 15:1|
Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi: Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu, Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
-
2
|Êxodo 15:2|
Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova; Waba lusindiso kum. UloThixo wam endimzukisayo, UThixo kabawo endimphakamisayo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21