-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
14
|Êxodo 14:14|
UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.
-
15
|Êxodo 14:15|
Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke.
-
16
|Êxodo 14:16|
Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo.
-
17
|Êxodo 14:17|
Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe;
-
18
|Êxodo 14:18|
azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe.
-
19
|Êxodo 14:19|
Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo;
-
20
|Êxodo 14:20|
wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.
-
21
|Êxodo 14:21|
UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi.
-
22
|Êxodo 14:22|
Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
-
23
|Êxodo 14:23|
Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21