-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Corintios 10:11|
Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.
-
12
|1 Corintios 10:12|
Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.
-
13
|1 Corintios 10:13|
Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.
-
14
|1 Corintios 10:14|
Kungoko ndithi, zintanda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.
-
15
|1 Corintios 10:15|
Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.
-
16
|1 Corintios 10:16|
Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?
-
17
|1 Corintios 10:17|
Ngokuba thina, sibaninzi nje, sisonka sinye, simzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.
-
18
|1 Corintios 10:18|
Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, abadlelani nesibingelelo eso, yini na?
-
19
|1 Corintios 10:19|
Ndithini na ke ngoko? Ndithi, isithixo siyinto na? Ndithi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?
-
20
|1 Corintios 10:20|
Anditsho! Ndithi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21