-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Corintios 5:1|
Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.
-
2
|1 Corintios 5:2|
Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
-
3
|1 Corintios 5:3|
Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya; sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;
-
4
|1 Corintios 5:4|
ndathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakubonÂ’ ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),
-
5
|1 Corintios 5:5|
makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.
-
6
|1 Corintios 5:6|
Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?
-
7
|1 Corintios 5:7|
Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.
-
8
|1 Corintios 5:8|
Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.
-
9
|1 Corintios 5:9|
Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;
-
10
|1 Corintios 5:10|
kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10